04 Kikuyu Road, Sunninghill, Johannesburg, 2157

NEWS ARTICLE

31 Mar 2025

Media Statement | Xhosa Translation

ISAZISO SEMPAPASHO KWI: ZONKE IINDABA

UMHLA: 06 FEBRUWARI 2025

UKHUTSHWE NGOKUNGENAKULIBAZISWA

I-HOUSING DEVELOPMENT AGENCY IQALISA IPHULO
LOKUCHASANA NOKUPHAMBUKA KWEZEMALI UKUZE
ILUMKISE AMALUNGU OLAWULO NGABANTU ABANGAZIWAYO ABANQWANQWA NJENGABAMELI BE-HDA

Ngenxa yokwanda kwabantu abangaziwayo abazenza amagosa
e-Housing Development Agency (HDA) benza inkohliso ngokuxhaphaza amalungu
oluntu angenatyala, i-HDA iqalisa iphulo lokuchasana nokubhenca kunye
nokuphambuka Kwezemali ngenjongo yokulumkisa uluntu kulamaqhinga.

I-HDA iyazigxeka ngokupheleleyo ezi ntshukumo
zolwaphulo-mthetho kwaye ithathe isigqibo sokuqhuba iphulo lobuninzi nenjongo
zokulumkisa kunye nokufundisa amantsundu baseMzantsi Afrika malunga nemisebenzi
engekho mthethweni yokuba makwenziwe iintlawulo engalunganga kusetyenziswa
igama le-HDA.

I-HDA iza kuqalisa iphulo lokuchasana elithi “I-HDA, Ukwakha Ukuthembeka, Ukuthintela Ubuqhophololo,
Inkohlakalo kunye Nokuxhatshazwa.”

Ukuqinisa injongo yephulo, i-HDA ilumkisa uluntu
malunga namaqonga eendaba zentlalo awenziwe ngabakhohlisi ngenjongo yokukhupha
imali kubantu abangenazinkathalo.

Siqaphele ukuba abakhohlisi abaninzi basebenzisa
amaphepha eendaba zentlalo azizintlekisa besenza ngathi bangabameli be-HDA,
besasaza ulwazi olungelulo malunga nokwabiwa okanye ukuthengiswa kwezindlu
okanye umhlaba, ngaloo ndlela bephanga abantu abangathandabuzekiyo. Aba
bakhohlisi bathi babonelela uluntu ngoncedo lokufaka izicelo zezindlu ezixhaswa
nguRhulumente.

Ngokutsho kukaMphathi Jikelele, uMnu. Bheki Khenisa,
“Akukho gosa le-HDA eliza kunika okanye lithengise indlu kuwe
ngokutshintshiselana ngemali. Ukuba kufumaniseke isonjululwano-mali esingekho
semthethweni, nawuphi na umntu obandakanyekileyo makaxelwe kubaphathi
abafanelekileyo. Ulwaphulo mthetho alunandawo e-HDA. Sizibophelele ekwakheni
ukuthembeka nabachaphazelekayo kunye nokuqinisekisa ukuba imisebenzi yethu
ibonakalisa umgangatho ophezulu wokunyaniseka.”

Iinzame eziqhubekayo ziyasetyenziswa ukuvusa ulwazi
ngalo mba emaqongeni oxibelelwano ukwenzela ukulumkisa abathengi malunga nale
misebenzi engekho semthethweni kwaye lo mba ukwabikiwe kwiziphatha-mthetho.

Izicelo ze-RDP/BNG ezixhaswa ngokupheleleyo zingafakwa
kuphela kwiinkonzo zokuhlala zommandla kunye neenkonzo zikamasipala. Akukho
mntu ngamnye okanye umbutho wabucala onikwa igunya lokuqhuba oku egameni
le-HDA.

Imiqathango yokufaneleka kwi-RDP/BNG ibandakanya,
phakathi kwezinye, ukuba umntu kufuneka abe ngumhlali waseMzantsi Afrika, abe
ngumninindlu okokuqala kwaye ahlawule umvuzo osezantsi kuno-R3501.00 ngenyanga.

Uluntu luyakhuthazwa ukuba luhlale lujonga amaphepha
eendaba zentlalo e-BNG/RDP kunye nemiyalezo kwizikhululo ezifanelekileyo.

Nawuphi na umsebenzi wobuqhophololo, nxibelelana
neenkonzo zomnxeba ezizimeleyo kwi-hda@whistleblowing.co.za
okanye ubize 0800 111 409 okanye WHATSAPP CHATBOT & CALL - 031 308 4664
okanye SMS: 33490.

I-HDA #RebuildHDA #BuildingTrust,
#CombatingCorruption, #TransparencyinAction.

Ukongeza, unokuxela izenzo zenkohlakalo kunye
nokukhwabanisa kula maziko alandelayo:

DHS Special Investigations Directorate: 012 421
1535/1641

DHS Call Centre: 0800 146 873

Human Settlements Ombudsman: 0800 146 873

National Anti-Corruption Hotline: 0800 701 701

The Public Protector South Africa: 0800 11 20 40

The Presidential Hotline: 17737

The HAWKS: 012 846 4590 Okanye kwisikhululo samapolisa
esikufutshane nawe.

Malunga ne-HDA I-Housing Development
Agency (HDA) yiRhamente yesizwe yophuhliso lwaseburhulumenteni enkweigunya lokuphatha kwezinye, wokuchonga,
ukufumana, ukulungiselela, nokuphuhlisa umhlaba ofanelekileyo wezindlu zabantu.
Iarhente iphumeza ulawulo lweenkqubo kunye neeprojekthi zokuphuhlisa izindlu
kunye nezindlu zabantu. I-HDA izalisekisa imisebenzi yayo ngokusebenzisana
nabachaphazelekayo abahlukeneyo kuquka urhulumente wesizwe, wephondo,
nakwindawo, kunye noomasipala, uluntu, abaphuhlisi, kunye nabaxhasi. Yasekwa
ngo-2009, irhamente yasekwa ngumthetho wePalamente ngo-2008 kwaye inoxanduva
kuthi iBhodi yayo kwiNkulumbuso yeZindlu Zabantu.

Ikhutshwe ngu: Icandelo
loNxibelelwano le-Housing Development Agency Kwiimibuzo zemithombo yeendaba,
nceda uqhagamshelane noMnu Katlego Moselakgomo, 011 544 1000/ 082 262 9048
okanye Communication@thehda.co.za